Sithinina?
Sithethe inyaniso kusinina?
Ingaba inyaniso yiyona eza
kusikhulula?
Inyaniso iyalakhana ilizwe kusinina?
Ingaba eli lizwe lakhululwa
ngantonina?
Lakhululwa ngomthetho, ngenyaniso
okanye ngoxolo?
Thina siyalila
Sityhafile, siyancwina, asinamandla
Irhamba libuty’il’ ubuhlungu balo
Umhlabel' usuke walikhala
Kaz' uzakubathinin’ uDyakalash’
abantwana beHobe
xa kunamhlanje uDyakalash’ uphepheth’
iHobe
xa kunamhlanj’ isizwe sikaThembu
sikhedamile
xa kunamhlanj’ umzi kaXhos’ uthe
xhwenene
kuba kaloku ukhetsh’
ulithathil’intshontsho
Ndilala ndivuka, kubi ndivuka ndichile
ngezika Bhada ndigxoth’ umsholog’okwendod’ ikhwaz’ amasela
Amazingel’ asuk' ankwantya, latshon’
emini zaquph’iziprofeto zomprofet’ uNtsikane
Zasuk’ izinj’ ezaziwa ngokulanda
zakhonya zihlehla
Asibubo nobubhenqa silo simbi esi.
Xa kunamhlanj' indlu kaThemb’ iqhane
ngamanxeba neenduma zeentshuntsh’ amakrel' izagweba, nemikhont’ enetyhefu
yerhamba leentlanga zasentshona
bubuhlungu bekhehla lerhamba
laseYuroph’elilakatyulayo
Ngumtheth’onkalaty’onoxhong’abade,
int’ erhashalal' engena Buntu
Nantso ke mz’ontsundu yiboneni
Ijikil’ iNambezulu yaba yiNyushu
Amadod’ asuk’ agevezelis’ amadolo
Amakrot’ amakhwenkw’ aziwa ngezemb’
awasekho
Nemikhonto yamadoda yophukile naku
namhlanje le yiNyushu
Xa kunamhla yonk’ indlu kaPhal'
iyagrogriswa
Ingaba ngumthetho kusinina oza
kusinceda?
Kunamhlanje siguqa sixhathisa,
sixhathalaza, singxabalaza, sizikhusela kwiPhimp’ elijamel’ umkhusane
Ubuhlungu berhamba lezizwe ngumtheth’
ongenabubele
Iimfene zisirhuthulel’ isimbo
nomthetho wazo kwasuka kwajal' imo kwavuk’ impithizelo kwindlu kaPhalo
Inyhophatyikili yezidube-dube
nempixan' edalwe ngamaphandle nabaphangi
kwel' ityatyekwa kusizana lento
ethozamileyo. Umlisela wendlw’ entsund’ uphothulelwe kuqhwatyelwabacinezeli,
izidlamlil' ezingenasazel’ ezitshutshis’ intephakathi kwezo sisazingcayo ngazo
O! yinina Mz’ ontsundu. Kazi uXhos’
utye nto kabanina? Siyalila yini kaloku?
Mawethu lixolelen' isiko nikhululel'
ulawulo lwethu kwiinkosi nobukumkani ngaphandle kweempembelelo zabemizi. Yinina
kaloku ndiyanicenga, ndiyangxengxeza ndithi tarhuni mabandla
Sithethe inyaniso yinina?
Ingaba lo mthethondini uyazana
kusinina nenyaniso?

No comments:
Post a Comment