Imazi ewasakazi kabawo (the cry unto
the dead leaders)
Namhla nje usapho lwe
Africa lofa yindlala,
namhlanje isizw’ esimnyama sovukelana. Ngoba kaloku lanyil’ithole lemaz’ewasakazi. Kaloku
le yimaz’emabele mathandathu. Nguwaloty’owalotyolwa ngegazi lemidaka yomgquba
neentokaz’ ezibhinqa ngenyaniso nentshisakalo yobuntu bendl’entsundu kwizizwe
zehlabathi Uwalotywa yimaz’emnyam’enebal’elimhlophe kabawo. Yimaz’ebifudul’isaziwa
ngokohlisa, int’etsho ngomfaneleko yasuka yathinjwa ngabeentlanga ooqhina ka
qhonono namaqotha-qikili arhashalala. Amasela, oomathunz’amnyama. bambile uWalotywa,
bayibanga inlomo kabawo. Basithengisela baphinda bayibopha sibabukele.
Kunamhlanje nje lemaz’iyabuthisa kunamhlanje nje sifa yindlala. Ingaba yimbalela
kusini na Fudula singumbangasini ngobutyebi, xa kunamhla amathole abhadula
nabezizwe imvula ina kwiintaba zokhahlamba kuphela yini na bantwana bomz’ontsundu.
Kaloku yeyel’imaz’ekudal’iphothulel’izizwe zonke masisukume nemivalo sonke kuba
kungoku nje iqungquluze elwalwen’elisezantsi kweengxangxasi. Imibele incancwa
yimfene. Kubi Mz’omhle sondelani nisihlangule kuba sakutyeka sijanyelwa
yinyushu nerhambel’ingqoqo irhamba lasemzin’elineentlokw’ezintath’elingafiyo
Zizwe ze Africa yivan’ukunxakama
kwemaz’endala kabawo. Madoda imibel’ibhungxile nantso imaz’enobubel’inxakam’ebukhatsha-khatshen’ingenakuphuma.
Kazi aphin’amadoda, kuba zihambil’izinj’ezaziwa ngokulanda zaselathisa kwasuka
kwadingek’amakroti. Yabhonga madod’ibhedulul’amehlw’amhloph’ibhikicwa yimfen’engenantloni.
Wasuk’umalus’othembekileyo wagigitheka. Hlobo luni na lweenkokheli ezi
zingakhathaliyo? Hlanga luni na olu lukhohlakele kangaka? Ndinesingqala, ndiyajwaqeka,
ndiyabibitheka ndingcungcuthekiswa yinkohlakalo ekoliswe kwisizukulwana
esimnyama kumhlaba wooyise. Kunamhlanje nje andilali ndiphekwa ndisophulwa ziinjongo
zika Solomon Mahlangu. Ndikrazulwa kukucinga ngenxaxheba yolutsha luka 1976. Ndilala
ndivuka ndibon’uMahlang’etyhonywa ngumbuso wocalu-calul’ePitoli. “My blood will
nourish the trees that will bear the fruits of freedom, tell me people that I love
them they must continue fighting” kodwa namhlanje umntwan’omnyam’uyazingelwa. Namhlanj’umntwanomnyam’akavumelekanga
ukuma Phakathi kwamapolisa ngoba wazalwenetyala. Hlanga luni na olu lucinezela
abantu balo?
Hlanga luni na olu lubulala
ulutsha lwalo? Izolo oku bekumnyama urhulumente ongenaBuntu waboph’utata nomama
sagcwalistalato. Lwema ulutsha lwathu unotshe u1976 utsho yaye nenyushu
ngokwayo iyamngqina. Kodwa namhlanje urhulumentu omnyama welizwe elisemaza ntsi
e Africa uxhaph’igazi lwabantwan’abancinance. Akukho nkang’idubul’ingethi lo
ngumalus’othembekileyo ozingcayo kodwa yhey” baphelil’abantwana bemfene
ngudyakalashe. UCKAR, TUT, UWC,UCT,Wits,CPUT, NMMU,UL kulapho balumlele khona
bonk’abafazi belilizwe, kutheni?
Kutheni Mzantsi Afrika? Kutheni
lento kumaziko-mfundo kumanzi zinyembezi? Kutheni kwabomvu ligazi leemveku?
Mzantsi Afrika ndinombuzo. Maze sibuze kubanina nge Marikana? umolus’othembekiley’uqhub’iimaz’ezinxakamayo
nkqi ukufun’amathole iimaz’ezi Nco ezaziwa ngobisi zisengelabantwana basemzini.
Yini na masim’amnyam’achunyiswe ngumgquba wokhokho? sibuze kubani na nge State
capture? Yini na kaloku mabandla ndini esizwe esintsundu ukuba nilucinezele
usapho lwenu? Akungebi sistructural violence kusini na esi Mzi ka khokho? Kutheni
ingathi siyalahleka nje? Ingaba yindlala na? ngumona kusini bethu, okanye
yingqumbo yeminyanya?
Kuphel’inyaniso kwasal’ubunkokheli
yini na zinkosi zam? Ingaba oku kukuphela kwentembeko yini na? kunamhlanje
ndiswel’uyiqonda? Kunamhlanje ndila ukuvuma kunamhlanje ndiyakriniza ndithwel’inyeke
ndithi hay mawethu masibuyelen’embo. Makesiyen’obuza kookhohlel’esingeni,
oosiyazi namanyange. Uyihlahlil’indlela kalok’umfo ka Jonas wathi mawethu
sekunje kwilizwe loobawo nasuka nambetha ngoyaba. Yath’indlezana ka Madonsela
mawethu ndilihambile ndebuya noku zath’iingcuk’uyathakatha. Waphakam’u Julius Malema
no Bantu Holomisa bathi hayi khona wath’umbuso wamaqhwangi niphambene. Yagug’inxili
yesizwe zabhokoxek’iipokotho zabasebenzi kuphunywa kungenwa kwiinkundla zeli
lizwe. Zaphithizel’izinxibamxhaka zafun’umhlola wath’u advocate Dumisa Ntsebeza
bananje sinijongile kwasuka kwaxakek’iinkcuba buchopho nezidwangube ludaba le
Nkandla ne State Capture. Wath’u Chief Justice lent’ayisixakanga ntonje
siqhutywa ngumgaqo-siseko weli lizwe. 2016 yedwa wanyuk’umnqantsa we Mount
Kilimanjaro umgaqo-sisek’ovunywa zizizwe zehlabathi ngodaba lwe corruption and
fraud. Sithini Qamata? Wantyiloz’u advocate Dali Mpofu ngesimbonono nesijwil’esiphum’e
Transkei. Wabhomboloz’u Josph Mathunjwa kwi TRC ka Arch bishop Ian Falam’enikez’uxolelo
kurhulumente wengcinezel’owabulal’abasebenz’ezi mine for R12500, wanikin’intloku
Falam wang’uyalunywa bamembathisa wathi yabalala. Izinja zahlab’ukhulungwan’emva
kwe Union Building cwathi bhence. Yath’inyoka yiyani namahobe kwi commissions of
enquiry nizohlanjululwa. Zakhul’iinkedama zagcin’isingqala nge Marikana
Massacre ka 2012.
Saphinda sophuk’isitya
sodongwe senkululekw’engena ntliziyo. Entliziyo yay’ ifukanywe kubuhlungu
berhamba lezizwe. Izizw’ezikhohlakeley’ezihlafun’omongo bama Afrika zilumela
ngegazi lomsebenz’o ntsundu. Zatatsalaz’iimveku sijewula zixel’iimbila. Lath’irhamb’elimnyam’elineendevu
Students Must Fall, wath’u Mbuyiseni Ndlozi madal’awazinto. Wadilik’umbus’obufudul’utshilentla
kwiindibano zezizw’ezimanyeneyo kwasuka kwafuduka neentloni zayotshon’elwandle
zaxel’amadimon’ephum’ezihagwini. Kwathu ICC Must Fall. Waphutshuk’umsila
kudyakalashe madoda, eyi kazi libheka phina eli lizwe.
Lanyikim’ilizwe loMzantsi
Afrika yaphel’imali yerhaf’ithengizixhobo zokubulal’abafundi kwii Dyunivesity
zeli. Yath’i EFF sikuyo lempi Fees Must Fall, yath’i ANC students Must Fall yathi
yan’i DA vulelanamasango thina sinemali sibe sifunda. Ndithini Mz’ontsundu? Nditheth’inyaniso
kusini na? ingaba inyaniso yiyona niyinyamezelayo kunobuxoki?
Siyibonil’i EFF student
command, PASMA ne SASCO zibhinq’omfutshane zisithi #FessMustFall DASO dololo. Zazalela
phants’izisele zoMzantsi Afrika ziimveku zishiy’iphepha neentsiba
phezukwedesika. Wasuka urhulumente wengcinezelo wajika amaziko-mfundo wawenz’izikhululo
zamapolisa. Ngurhulumente onjani lona? Sivakel’isimbonono semfundo yasimahla
sivela kuzo zonke iiDyunivesity zeli lizwe wasuka urhulumente ongena nkathalo
wasigalel’amanzi. Savakal’isijwili nencwina bengcungcuthekiswa abantwana
bamakhosikazi amnyama ngurhulumente we “Ntando yesininzi” eMzantsi Africa.
ingalo yomthetho enoboya yeli lizwe yamtsikila umntwana womntu ontsundu saza sathi
no, we are weeping for this generation.
Sililela isizukulwana
esilixhoba lombuso wentando yabantu. We are crying for the generation that is
not allowed to fight for their rights. Thanks to Nosiviwe Mapisa-Nqakula, the
Minister of Defence for the refusal to the killing that was requested to take
place in our universities. The generation that is not supported by their
parents. Bakhala bajwaqek’abasebenzi belil’elabantwana babo, kodwa bavalw’imilomo
Yi COSATU’engenabunkokheli.
We are weeping for the
stigmatised liberation movement of this generation that get 0% support from the
society hence it has managed to unite black students. Today the foundation of
the Union Building is shaking, just by the blow of our breath. Kutheni Mzantsi
Afrika.
Lilizwe lethu eli, we
were given even freedom, but today the youth sees no leaders. In 1976 were chanting
about the leaders of their days besithi Sobukwe Sikhokele, nank’u Mandela. They
knew that freedom was about to arrive, they had all the support from the
African Nation. Kodwa iimveku zanamhlanje ziqamela nganqindana-nye kwiintolongo
zezaphuli-mthetho zeli lizwe. Aba ngabantwana beempula zika lujaca ezatshata
nepeki zikhulis’uqoqosho lweli lizwe. Namhlanje ulutsha lufun’isity’emnyameni. Kubi
ndiva loontsholo ndigugutha kumathambeka namagoph’aseNciba umlisela nomthinjan’ukhwaz’uSolomon
Mahlang’owaxhonywa ngurhulumente wobandlululo ngenxa yenkululeko yesizw’esimnyama.
Kutheni Mzantsi Africa? bekungasekho nempunde na? bekungasekho nehlumelo na? xa
kunamhlanje khwaz’u Chris Hani’owabulawelw’ubom’obungcono babantu’abamnyama. Why
should the youth call to the dead leaders South Africa?