Thursday, 25 August 2016

Imini enkulu

2016/08/24
Cwaka, mu zilele. khatsha-khatsha, vuthu-vuthu, yima kanjalo
yintlalo yamakhwenkwe. izulu licwengile, uhlaza luyakhazimla bonke babheka phambili bhazalal'emadllweni bajonjiwe kuba kaloku le yimikhonto yemizi. banqanqaz'onogqaz'emathafenikuba kaloku kushushu lancom'inxanxade libon'ukudinwa tyhini madododa lenkwekw'isahleka. uhlekanj'awubonanganto. iinzingo zobu ubom zingaphezulu kwameva omqaqoba angene phakathi kwenyama nozipho. yadladlamb'intwanisukelwa zizinja kwanga ubomi buphelile kwathi kuthe kanti wazi-nto nganye. buz'aph'emsintsini won'uzibonil'iinkungu namaqhwa, imililw'emikhulu iwushiye umile, awukang'ufuduk'emendweni

yathula yathi cwaka lenkwenkwe, tyhini madoda. mfo wam kwenzeke ntoni. kudala ndisiva ngokuthula, bambi bathi kuyabulala bambi bathi kubangel'inzondo kodwa hay isingqala. isiloda esingenakuphola nenxeba elisekhwapheni. zaqengqeleka iinyembezi ngenxayentlungu nokujwaqeka kodwa uncumo lwasuka lwawuvala umlomo kobethetha lwasuka lwathumela umyalezo wothando
kuba umlambo uma ngolwandle ulwandle luphela aphu ungabona khona, zinjalo ke iinzingo neenkxwaleko zobu ubom bambike bagushwa ngephiko lomzali ukanti akunjalo kumakhwenkwe eelali iindonga namawa zingandingqinela ooxolo-dala vele-latshiswa izikhondo zemithi zikubonile oku. ingca itshile zinyembezi zamakhwenkwana anesingqala

wonke umntu unenjongo entle ngekamva lalomlisela nocwambu lwesizwe, kodwa sisifundo yinina, ukushiywa. yintsebenzo kusinina, ukubulaleka komphefumlo, asiyonzondo yinina, isiqhamo sokushiywa, luthando yinina imbuyiselo yentiyo

laphinda-phind'ukuxhakamful'irhamb'elirhanga-rhanga elinobuhlungu kwindl'entsundu
ukumfamekiseka ngokunikel'umva amajoni nomkhosi wezoluleko, amadelakuf'int'ezingabuzi kabini amaqhaji nezitshica-lothe imiqhiqhibala yemidaka nezinxiba-xhaka ze Africa oosikhumba siyarhwexa nesikhwekhwetsha zamazingela. kutheni nandl'emnyama ndikhathazekile nje ichitheke phi singayicholi nje

kalok'ijon'elisendzond'alikhuseli, kukhokelwa ngothando hay'uchuku, masibumben'isizwe kumatolo nemikhonto yokuhlasela ukuse sosel'utshaba sibuye siqule. mbewu-mni na livukel'ukutya. masinik'en'ixabiso kungabikho mibuzo




No comments:

Post a Comment